Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Yokusebenzisa Incwadi Ethi Yintoni Esinokuyifunda EBhayibhileni

Indlela Yokusebenzisa Incwadi Ethi Yintoni Esinokuyifunda EBhayibhileni

Incwadi ethi Esinokukufunda EBhayibhileni iyafana nethi Okufundiswa YiBhayibhile. Zombini zifundisa inyaniso ngendlela efanayo nangokulandelelana kwemibandela. Kodwa ke, incwadi ethi Esinokukufunda EBhayibhileni isebenzisa amagama alula kwaye nenyaniso iyichaza ngendlela elula. Yenzelwe ukunceda abantu abangacacelwa lula xa befunda ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Endaweni yesihlomelo, inengcaciso yamagama ekuthethwa ngawo. Izahluko zale ncwadi azinayo imibuzo esekuqaleni okanye ibhokisi yempinda. Kunoko, ekupheleni kwesahluko ngasinye kukho ibhokisi ethi Izinto Ekuthethwe Ngazo. Njengencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, incwadi ethi Esinokukufunda EBhayibhileni inokuhanjiswa nanini na, enoba akuhanjiswa yona kuloo nyanga. Sinokuyisebenzisa njani le ncwadi xa siqhuba isifundo seBhayibhile?

IZINTO EKUTHETHWE NGAZO: Kubantu abaninzi, ukufunda isiqendu kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile size sibuze umbuzo kuya kwanela. Kodwa ke, kuthekani ukuba isifundo asisazi kakuhle isiXhosa okanye asifundi kakuhle? Xa kunjalo, usenokukhetha ukusebenzisa incwadi ethi Esinokukufunda EBhayibhileni. Unokuqalisa isifundo ngokusebenzisa ibhokisi ethi Izinto Ekuthethwe Ngazo, uze ukhuthaze umfundi azifundele ngokwakhe isahluko. Inyaniso nganye inokuxutyushwa kwisifundo semizuzu eyi-15. Ekubeni ushwankathelo lungenazo iinkcukacha ezikweso sahluko, umqhubi ufanele alungiselele kakuhle kwaye acinge ngeemfuno zomfundi. Ukuba umqhubi usebenzisa isahluko xa efundisa, ibhokisi ethi Izinto Ekuthethwe Ngazo inokusetyenziswa njengempinda.

INGCACISO: Amagama akwingcaciso alandelelana ngendlela alandelelana ngayo kwisahluko. Umqhubi usenokugqiba enoba umele axubushe ingcaciso ekwincwadi ethi Esinokukufunda EBhayibhileni xa eqhuba isifundo.