INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
“Umnini Wakhe Uyaziwa Emasangweni Esixeko”
Umfazi olungileyo uyimela kakuhle indoda yakhe. Ngexesha likaKumkani uLemuweli, indoda eyayinomfazi olungileyo ‘yayisaziwa emasangweni esixeko.’ (IMi 31:23) Namhlanje, amadoda ahlonelwayo aba ngabadala nezicaka zolungiselelo. Ukuba atshatile, ukuze afaneleke, abafazi bawo bafanele baziphathe kakuhle baze bawaxhase. (1Ti 3:4, 11) Aba bafazi balungileyo abaxatyiswa ngamadoda abo kuphela, kodwa nalibandla.
Umfazi olungileyo unceda indoda yakhe ikhonze . . .
-
ngokuyikhuthaza nangokuyincoma.—IMi 31:26
-
ngokuyivumela isetyenziswe libandla.—1Te 2:7, 8
-
ngokungathandi izinto eziphambili.—1Ti 6:8
-
ngokungayibuzi izinto zebandla eziyimfihlo.—1Ti 2:11, 12; 1Pe 4:15