Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISITYHILELO 1–3

“Ndiyazazi Izenzo Zakho”

“Ndiyazazi Izenzo Zakho”

1:20; 2:1, 2

  • “Iinkwenkwezi ezisixhenxe”: Abadala abathanjisiweyo nto leyo ethetha bonke abadala

  • “Esandleni [sikaYesu] sasekunene”: Iinkwenkwezi zilawulwa nguYesu, zisemandleni akhe ibe zikhokelwa nguye. Ukuba kukho umntu kwiqumrhu labadala ekufuneka elungisiwe, uYesu uza kuyenza loo nto ngexesha lakhe nangendlela yakhe

  • “Iziphatho zezibane ezisixhenxe”: Amabandla amaKristu. AmaKristu asebandleni enza ikhanye inyaniso evela kuThixo kanye njengokuba izibane kumnquba nazo zazisenza kukhanye. (Mat 5:14) Xa kusithiwa uYesu “uhamba phakathi” kwezibane kuthethwa ukuba yonke into eyenzekayo emabandleni uyayibona