“Ndiyazazi Izenzo Zakho”
-
“Iinkwenkwezi ezisixhenxe”: Abadala abathanjisiweyo nto leyo ethetha bonke abadala
-
“Esandleni [sikaYesu] sasekunene”: Iinkwenkwezi zilawulwa nguYesu, zisemandleni akhe ibe zikhokelwa nguye. Ukuba kukho umntu kwiqumrhu labadala ekufuneka elungisiwe, uYesu uza kuyenza loo nto ngexesha lakhe nangendlela yakhe
-
“Iziphatho zezibane ezisixhenxe”: Amabandla amaKristu. AmaKristu asebandleni enza ikhanye inyaniso evela kuThixo kanye njengokuba izibane kumnquba nazo zazisenza kukhanye. (Mat 5:14) Xa kusithiwa uYesu “uhamba phakathi” kwezibane kuthethwa ukuba yonke into eyenzekayo emabandleni uyayibona