Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

UYehova Uthanda Umphi Ochwayitileyo

UYehova Uthanda Umphi Ochwayitileyo

Kweyesi-2 kwabaseKorinte 9:7, sixelelwa ukuba: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” Kule mihla, kukho iindlela ezilula zokunikela ngeintanethi ukuze umsebenzi owenziwa ngamaNgqina KaYehova ehlabathini lonke uhambele phambili.

BUKELA IVIDIYO ETHI, INDLELA YOKUNIKELA USEBENZISA I-INTANETHI UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Singangena njani kwi-intanethi ukuze sibone ukuba kwelethu ilizwe kunikelwa njani?

  • Kubancede njani abanye ukunikela ngeintanethi?

  • Zeziphi ezinye iindlela esinokunikela ngazo?

  • Singenza njani ukuba asiziqondi ezi ndlela zintsha zokunikela?