Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Xa Ulungiselela Umtshato Ungabi Namabhongo

Xa Ulungiselela Umtshato Ungabi Namabhongo

AmaKristu amabini alungiselela umtshato kufuneka enze izigqibo ezininzi. Basenokuziva benyanzelekile ukuba umtshato wabo bawenze ube mkhulu njengeminye imitshato yasekuhlaleni. Abahlobo neentsapho zaba baza kutshata basenokufuna ezinye izinto zenziwe ngohlobo bona abacinga ngalo. Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda abatshati bawucebe kakuhle umtshato wabo baze bashiyeke benesazela esicocekileyo bengazisoli nganto?

BUKELA IVIDIYO ETHI, IMITSHATO EZUKISA UYEHOVA, EMVA KOKO UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Le migaqo yeBhayibhile yamnceda njani uNick noJuliana?

  • Kutheni abantu abaza kutshata bemele bakhethe umzalwana onokholo olomeleleyo ukuze abe ‘ngumalathisi wetheko’?​—Yoh 2:9, 10.

  • Kwakutheni ukuze uNick noJuliana benze izigqibo ezithile ngomtshato wabo?

  • Ngubani omele enze isigqibo sokuba umtshato uza kuqhutywa njani?​—w06 10/15 25 ¶10.