Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Umoya Oyingcwele Unceda Ukuba Kwenziwe Umsebenzi Onzima Kakhulu

Umoya Oyingcwele Unceda Ukuba Kwenziwe Umsebenzi Onzima Kakhulu

Kwakudala, abakhonzi bakaThixo baye bakwazi ukwenza izinto ezimangalisayo kungengamandla abo, kodwa bencedwa nguYehova. Ngo-1954, kwakhutshwa ividiyo ethi Indlela Intlangano kaYehova Esebenza Ngayo. Yenziwa ngabantu abaseBheteli abangazange benze vidiyo ngaphambili. Lo msebenzi unzima waphumelela ngenxa yoncedo lomoya oyingcwele kaYehova. Lo moya oyingcwele usenza siqiniseke ukuba, ukuba sithembela ngoYehova singakwazi ukuwenza nawuphi na umsebenzi esiwunikwayo.​—Zek 4:6.

BUKELA IVIDIYO ETHI UKWENZIWA KWEVIDIYO ETHI “INDLELA INTLANGANO ESEBENZA NGAYO,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kwakutheni ukuze kwenziwe ividiyo ebonisa ikomkhulu lehlabathi?

  • Le vidiyo ibonise njani ukuba iBheteli iyafana nendlela umzimba osebenza ngayo?​—1Ko 12:14-20

  • Zeziphi iingxaki abaye babanazo abazalwana xa babesenza le vidiyo ibe bazoyisa njani?

  • Le vidiyo isifundisa ntoni ngomoya oyingcwele kaYehova?