Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA

Mvumele UYehova Akuncede Ngokuthandaza

Mvumele UYehova Akuncede Ngokuthandaza

NguYehova owenza iinyani eziseBhayibhileni zingene entliziyweni yomntu, zikhule aze azithande. (1Ko 3:6-9) Ngoko, ukuze siqhube kakuhle entsimini kufuneka simthembe uYehova ukuba uza kusinceda thina nezifundo zethu.

Cela uYehova azincede izifundo zakho zikwazi ukumelana neengxaki zize zizoyise. (Fil 1:9, 10) Ngqala xa uthandaza. Thandazela ukuba umoya oyingcwele ukukhokele kwizinto ozicingayo nozenzayo. (Luk 11:13) Fundisa izifundo zakho indlela yokuthandaza uze uzikhuthaze ukuba nazo zithandaze. Thandaza kunye nazo uze uzithandazele naxa uwedwa uzibize ngamagama.

BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI​—MVUMELE UYEHOVA AKUNCEDE—​UMTHANDAZO, UZE UBUZE LE MIBUZO:

  • Yeyiphi ingxaki ebenayo uNeeta xa ebefundela uJade?

  • Ama-1 Korinte 3:6 amnceda njani uNeeta?

  • Iye yalungiseka njani ingxaki uNeeta ebenayo?