YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA
Nceda Abantu Obafundelayo Baqinise Ukholo Lwabo
Ukuze izifundo zeBhayibhile zimazi uYehova zize zibe ngamaKristu aqolileyo, kufuneka zifunde ezinye izinto eziqinisa ukholo zize zongeze kwezi sizifundisa zona. (Mat 5:3; Heb 5:12–6:2) Kufuneka zifunde indlela yokuqinisa ukholo lwazo.
Nisaqala nje ukufunda, zifundise indlela yokulungiselela uze uzikhuthaze ukuba zilungiselele. (mwb18.03 6-XO) Zikhuthaze ukuba zithandaze qho xa ziza kufundisisa. Zincede zikwazi ukusebenzisa izixhobo ze-elektroniki xa zifunda. Zixelele ukuba zingazifumana njani izinto ezintsha ku-jw.org/xh nakwi-JW Broadcasting®. Njengoko kuhamba ixesha, bafundise ukuba bafunde iBhayibhile yonke imihla, balungiselele iintlanganiso baze bakwazi ukukhangela iimpendulo zemibuzo abanayo. Bancede bacingisise ngezinto abazifundayo.
BUKELA IVIDIYO ETHI NCEDA ABANTU OBAFUNDELAYO BAQINISE UKHOLO LWABO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
UNeeta umncede njani uJade wabona ukuba ukufunda akuthethi nje ukwazi iimpendulo?
-
Yintoni encede uJade wasiqonda isizathu sokuba uYehova engafuni siziphathe kakubi ngesondo?
-
Yintoni uJade aye wayiqonda ngokucingisisa ngento oyifundileyo?