INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Qiniseka Ukuba Siza Kusindiswa Xa Eli Hlabathi Litshatyalaliswa
Kungekudala, umonde kaYehova kubantu beli hlabathi uza kuphela. Iinkonzo zobuxoki ziza kutshatyalaliswa lize iqela leentlanga lihlasele abantu bakaThixo, aze ke uYehova atshabalalise abantu abenza izinto ezimbi ngeArmagedon. Abantu bakaThixo bajonge phambili xa kusenzeka ezi zinto zibalulekileyo nezivuyisayo.
Siyavuma kona ukuba asazi yonke into eza kwenzeka ngexesha lentlungu engathethekiyo. Ngokomzekelo, asiyazi ukuba iza kuqalisa nini kanye kanye. Asizazi nezizathu abaza kuba nazo abezepolitiki xa behlasela iinkonzo. Singayazi nokuba iintlanga ziza kubahlasela ixesha elingakanani abantu bakaThixo okanye ziza kubahlasela njani. Asiyazi neyona nto uYehova aza kuyisebenzisa xa etshabalalisa abantu abenza izinto ezimbi ngeArmagedon.
Kodwa iBhayibhile isixelela yonke into eza kusinceda sibe nesibindi size singoyiki kakhulu xa sicinga ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Ngokomzekelo, siyayazi ukuba ngoku siphila ekupheleni ‘kwemihla yokugqibela.’ (2Ti 3:1) Siyazi nokuba ukuhlaselwa kweenkonzo ‘kuza kunqunyulwa’ ukuze eyona ndlela yokukhonza ifanelekileyo ingapheli. (Mat 24:22) Siyayazi ukuba uYehova uza kubasindisa abantu bakhe. (2Pe 2:9) Nomntu uYehova amkhethileyo ukuba akhusele isihlwele esikhulu xa etshabalalisa abantu abenza izinto ezimbi ngeArmagedon siyayazi ukuba unamandla ibe uza kwenza izinto ngendlela efanelekileyo.—ISi 19:11, 15, 16.
Izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo ziza kwenza ‘abantu baphelelwe ngamandla ngenxa yokoyika.’ Nangona kunjalo, ukufunda nokucingisisa ngendlela uYehova aye wabakhusela ngayo abantu bakhe kwixesha elidlulileyo noko aye wasixelela kona ngekamva kuza kusenza sikwazi ‘ukuma nkqo siphakamise iintloko zethu,’ kuba siqinisekile ukuba siza kusindiswa.—Luk 21:26, 28.