UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
Umonde KaYehova Uyakwazi Ukuphela
UYehova wavumela ama-Asiriya ukuba oyise amaSirayeli (2Ku 17:5, 6; it-2-E 908 ¶5)
UYehova wabohlwaya abantu bakhe kuba babeqhubeka besenza izinto ababeyazi ukuba akazithandi (2Ku 17:9-12; it-1-E 414-415)
UYehova wayenomonde kumaSirayeli ibe wayehlala ewalumkisa (2Ku 17:13, 14)
UTata wethu onothando unomonde nyhani kubantu abanesono. (2Pe 3:9) Kodwa ukuze yenzeke injongo yakhe, kuza kufuneka atshabalalise bonke abantu abenza izinto ezimbi kungekudala. Le nto ingasikhuthaza njani ukuba simamele xa silungiswa size sishumayele ngokungxamisekileyo?