Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Izinto Ezinokusinceda Singazibekeli Amangomso Izinto

Izinto Ezinokusinceda Singazibekeli Amangomso Izinto

Umntu ozibekela amangomso izinto akazenzi ngoko nangoko izinto ebemele azenze okanye anokukwazi ukuzenza. UYehu yena zange awubekele amangomso umsebenzi uYehova awamnika wona wokuxabela indlu ka-Ahabhi. (2Ku 9:6, 7, 16) Abanye abantu badla ngokuthi: “Mhlawumbi ndiza kubhaptizwa kule minyaka izayo.” “Kungekudala, ndiza kuqalisa ukufunda iBhayibhile yonke imihla.” “Ndiza kuba nguvulindlela xa ndifumene umsebenzi obhetele.” IBhayibhile ingakwazi ukusinceda ukuba singarhuqi iinyawo kwizinto ezidibene nokukhonza kwethu uYehova.

Zingasikhuthaza njani ezi vesi ukuba singazibekeli amangomso izinto?