Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

‘Beka Into Ecaleni’

‘Beka Into Ecaleni’

Umpostile uPawulos wakhuthaza ukuba singayenzi iminikelo yokuzithandela ngamabona ndenzile. Kunoko sinokuceba kwangaphambili ‘ukubeka into ecaleni.’ (1Ko 16:2) Ukulandela eli cebiso lobuThixo kuza kusinceda sixhase ilungiselelo lokukhonza uThixo ngendlela ayifunayo, loo nto iza kusenza sivuye. Kungakhathaliseki nokuba thina siyibona imincinci kangakanani iminikelo yethu, uYehova uyixabisa kakhulu imizamo yethu yokumkhonza ngentliziyo yethu yonke sisebenzisa nezinto zethu zexabiso.​—IMi 3:9.

BUKELA IVIDIYO ETHI ENKOSI NGOKUBEKA INTO ECALENI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kunceda ngantoni ukuceba kusengaphambili ukuba siza kunikela ngamalini?

  • Abanye baye bakhetha njani ‘ukubeka into ecaleni’?