Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Disemba 30, 2024–Januwari 5, 2025

INDUMISO 120–126

Disemba 30, 2024–Januwari 5, 2025

Ingoma 144 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

AmaSirayeli abuyiselwe eLizweni lawo ayavuna ibe ayavuya kuba uYehova ewasikelele ngenxa yokusebenza kwawo nzima

1. Batyala Belila Bavuna Bevuya

(imiz. 10)

AmaSirayeli avuya xa akhululwayo eBhabhiloni ukuze aphinde akhonze uThixo ngendlela ayifunayo (INd 126:​1-3)

Kusenokwenzeka ukuba abo babuyela kwaYuda balila ngenxa yomsebenzi onzima ekwakufuneka bawenze (INd 126:5; w04 6/1 16 ¶10)

Abantu baqhubeka nokusebenza baza basikelelwa (INd 126:6; w21.11 24 ¶17; w01 7/15 18-19 ¶13-14; jonga umfanekiso)

KHAWUCINGE NGALE NTO: Emva kokuba sisindisiwe kwelihlabathi lidala ngeArmagedon, zeziphi iingxaki esiza kudibana nazo xa silungisa umhlaba? Zeziphi iintsikelelo esiza kuzifumana?

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 124:​2-5​—Ngaba sinokulindela ukuba uYehova asikhusele ngendlela awawakhusela ngayo amaSirayeli? (cl 73 ¶15)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. (lmd isifundo 3 ingongoma 5)

5. Ukubuyela

(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. Kwixesha elidlulileyo, lo mntu ebekuxelele ukuba akaqinisekanga ukuba unokuyikholelwa into ethethwa yiBhayibhile. (lmd isifundo 9 ingongoma 5)

6. Ukwenza Abafundi

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 155

7. Vuya Ngenxa Yezithembiso ZikaThixo

(imiz. 15) Ingxubusho.

UYehova wayenza into awayeyithembisile kubantu bakhe ababethinjwe eBhabhiloni. Wabakhulula waza wabaxolela nezono ababezenzile. (Isa 33:24) Wabakhusela waza wakhusela nezilwanyana zabo kwiingonyama nezinye izilwanyana ezinobungozi ezazandile ngexesha ababeseBhabhiloni ngalo. (Isa 65:25) Bakwazi ukuhlala ezindlini zabo baza batya iziqhamo zabo zeediliya. (Isa 65:21) UThixo wawusikelela umsebenzi wabo baza bonwabela ukuphila ixesha elide.​—Isa 65:​22, 23.

Waterfall: Maridav/stock.adobe.com; mountains: AndreyArmyagov/stock.adobe.com

Bukela IVIDIYO ethi Vuyiswa Zizithembiso Zoxolo ZikaThixo​—Isicatshulwa. Uze ubuze le mibuzo:

  • Sizibona zizaliseka njani ezi ziprofeto zikule vidiyo?

  • Ziza kuzaliseka nangakumbi njani kwihlabathi elitsha?

  • Zeziphi ezona ziprofeto okhangele phambili ukuzibona zizaliseka?

8. ISifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 58 Nomthandazo