Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Novemba 18-24

INDUMISO 107–108

Novemba 18-24

Ingoma 7 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. “Bulelani KuYehova, Kuba Ulungile”

(imiz. 10)

Indlela uYehova awaye wawakhulula ngayo amaSirayeli eBhabhiloni iyafana nendlela asihlangule ngayo kwelihlabathi likaSathana (INd 107:​1, 2; Kol 1:​13, 14)

Ukuba nombulelo kuYehova kusenza sifune ukumdumisa ebandleni (INd 107:​31, 32; w07 4/15 20 ¶2)

Sinokuhlala sinentliziyo enombulelo xa sihlala sicinga ngezenzo zikaYehova zothando (INd 107:43; w15 1/15 9 ¶4)

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 108:9​—Ukufaniswa kukaMowabhi ‘nesitya uThixo ahlambela kuso’ kunokubhekisela kwintoni? (it-2-E 420 ¶4)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. (lmd isifundo 1 ingongoma 4)

5. Ukubuyela

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Mcacisele ukuba siqhutywa njani isifundo seBhayibhile, emva koko umnike ikhadi elithetha ngesifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 9 ingongoma 3)

6. Intetho

(imiz. 5) ijwyp 90​—Umxholo: Ndingenza Njani Ukuze Ndingacingi Ngezinto Ezikhathazayo? (th isifundo 14)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 46

7. Simbulela Ngengoma UYehova

(imiz. 15) Ingxubusho.

Emva kokuba uYehova ehlangule amaSirayeli kumkhosi onamandla wamaYiputa kuLwandle Olubomvu, aye amculela ingoma embulela. (Eks 15:​1-19) Ngamadoda aqala ayicula le ngoma. (Eks 15:21) UYesu namaKristu exesha lakhe nawo amculela uThixo iingoma zokudumisa. (Mat 26:30; Kol 3:16) Nanamhlanje siyaqhubeka nokumbulela uYehova ngokumculela kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano zesiphaluka nezengingqi. Ngokomzekelo, le ngoma sisandokuyicula ethi “Enkosi Yehova,” iculwe kwiintlnganiso ukususela ngo-1966.

Kwezinye iindawo amadoda anokuziva ehlazekile kukucula esidlangalaleni. Kanti abanye abantu abafuni ukucula kuba besithi abaculi kamnandi. Kodwa ke, sifanele sikhumbule ukuba ukucula ezintlanganisweni yinxalenye yendlela esimkhonza ngayo uYehova. Intlangano kaYehova yenza umsebenzi omkhulu ngokwenza iingoma ezimnandi nokukhetha eziza kuculwa kwiintlanganiso. Into ekufuneka siyenze thina kukumculela uYehova ngokusuka entliziyweni simbulela.

Dlala IVIDIYO ethi Imbali Yethu​—Isipho Somculo, Isiqendu 2. Uze ubuze le mibuzo:

  • Kwenzeka ntoni ngo-1944?

  • Abazalwana baseSiberia babonisa njani ukuba bayakuxabisa ukucula iingoma zoBukumkani?

  • Kutheni ukucula kubalulekile kumaNgqina kaYehova?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 18 ¶6-15

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 73 Nomthandazo