Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

VUKANI!

Umbuzo: Abanye abantu bayathandabuza ukuba uYesu wakha waphila ngokwenene, ngoxa abanye beqinisekile. Bakho ke nabathi asinakuqiniseka. Uthini wena?

Unokuthi: Lo Vukani! uthetha ngoko kuboniswa bubungqina.

FUNDISA INYANISO

Umbuzo: Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?

Isibhalo: Yoh 11:11-14

Inyaniso: Xa umntu esifa, kuyaphela ngaye. Ngoko masingoyiki into eyenzekayo emva kokufa. UYesu wafanisa ukufa nokulala. Uza “kubavusa” abantu abafileyo esibathandayo ukuze baphile nathi kwakhona, njengokuba wenza kuLazaro.—Yob 14:14.

ISIMEMO SEENTLANGANISO (inv)

Unokuthi: Ndicel’ ukukumemela kwintetho yeBhayibhile oza kuyiphulaphula ngaphandle kwemali. Iza kuba kwiHolo yoBukumkani, indawo esinqula kuyo. [Mnike isimemo seentlanganiso, umbonise ixesha nendawo eziza kuba kuyo iintlanganiso zempelaveki uze uchaze umxholo wentetho yeBhayibhile.]

Umbuzo: Wawukhe waya kwiHolo yoBukumkani? [Ukuba ixesha liyavuma, mbonise ividiyo ethi Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani?]

ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO

Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.