Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 12-16

Ubulumko Bulunge Ngakumbi Kunegolide

Ubulumko Bulunge Ngakumbi Kunegolide

Kutheni ubulumko bukaThixo bubalulekile nje? Bunceda abantu ababusebenzisayo bangahambi ngeendlela ezimbi, ukuze baqhubeke bephila. Buphucula ubuntu babo, indlela abathetha ngayo nezenzo zabo.

Ubulumko businceda singabi nekratshi

16:18, 19

  • Isilumko siyaqonda ukuba uMthombo wabo bonke ubulumko nguYehova

  • Abo baphumelelayo ebomini nabafumana iimbopheleleko ezininzi, mabazigade bangabi nekratshi

Ubulumko bubangela ukuba sithethe kakuhle nabanye

16:21-24

  • Isilumko sikhangela okuhle kwabanye size sithethe kamnandi ngabo

  • Into ethethwa sisilumko kulula ukuyikholelwa, sithetha izinto ezimnandi njengobusi, asikho ngqwabalala kwaye asithandi kuxambulisana