“Kholosa NgoYehova Ngayo Yonke Intliziyo Yakho”
Sifanele simthembe ngokupheleleyo uYehova. Oko kuthethwa ligama lakhe kusenza siqiniseke ukuba akuthembisileyo uza kukwenza. Ukuze simthembe, siza kuncedwa ngumthandazo. IMizekeliso isahluko 3 iyasiqinisekisa ukuba xa simthemba uza kusivuza ‘ngokuwenza uthi tye umendo wethu.’
Umntu osisilumko kwawakhe amehlo . . .
-
wenza izigqibo engaqalanga wabuza kuYehova
-
uyazithemba okanye athembe amacebiso ehlabathi
Umntu othembele kuYehova . . .
-
usondela kuye ngokufunda iBhayibhile, ukucamngca nokuthandaza
-
ufuna ukwalathiswa nguye ngokukhangela ukuba ithini iBhayibhile xa eza kwenza izigqibo
EYOKUQALA: Ndenza into endicinga ukuba yeyona ifanelekileyo |
EYESIBINI: Ndicela uYehova ukuba asikelele isigqibo endisenzileyo |
EYOKUQALA: Ndicela ulwalathiso lukaYehova ngokuthandaza nangokufundisisa |
EYESIBINI: Ndenza into evisisana nemigaqo yeBhayibhile |