INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
AmaKristu Abonakala Ngothando—Kuphephe Ukuzicingela Wedwa Nokukhawuleza Ucaphuke
KUTHENI KUBALULEKILE NJE? UYesu wafundisa ukuba abafundi bakhe babeza kubonwa ngothando. (Yoh 13:34, 35) Ukuze sibe nothando olunjengolukaKristu simele sibacingele abanye size singacaphuki msinya.—1Ko 13:5.
SINGAYENZA NJANI LE NTO?
-
Xa umntu ethetha okanye esenza into ekuvisa ubuhlungu, yima kancinci uze ucinge ukuba ibangelwa yintoni loo nto, uze ucinge ukuba indlela oceba ukumphendula ngayo iza kuba nayiphi imiphumo.—IMi 19:11
-
Khumbula ukuba sonke siyazenza iimpazamo, ngamanye amaxesha sithetha okanye senze izinto size sizisole emva koko
-
Lungisa ukungaboni ngasonye ngokukhawuleza
BUKELA IVIDIYO ETHI “YIBANI NOTHANDO PHAKATHI KWENU”—KUPHEPHE UKUZICINGELA WEDWA NOKUKHAWULEZA UCAPHUKE, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
UMfundo uphendule ngendlela ebaxiweyo njani kwicebiso likaLudwe?
-
Ukunqumama kukaLudwe kumncede njani wakuphepha ukukhawuleza acaphuke?
-
Impendulo ezolileyo kaLudwe iyilungise njani le ngxaki?