Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

AmaKristu Abonakala Ngothando​—Umanyano Luxabisekile, Lukhusele

AmaKristu Abonakala Ngothando​—Umanyano Luxabisekile, Lukhusele

KUTHENI KUBALULEKILE NJE? Ngosuku olungaphambi kokuba uYesu afe, wathandazela ukuba abafundi bakhe “bagqityeleliswe ekubeni banye.” (Yoh 17:23) Ukuze sihlale simanyene, simele sibe nothando, ibe lona “alunanzondo.”​—1Ko 13:5.

SINGAYENZA NJANI LE NTO?

  • NjengoYehova, khangela izinto ezintle ebantwini

  • Xolela ngokupheleleyo, ungabeki miqathango

  • Xa uyilungisile into, sukuphinda uyivuse​—IMi 17:9

BUKELA IVIDIYO ETHI “YIBANI NOTHANDO PHAKATHI KWENU”—MUSA UKUBA NENZONDO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Ekuqaleni kwale vidiyo, uZodwa ubonise njani ukuba ‘unenzondo’?

  • Kwinxalenye yesibini, uZodwa wenze njani ukuze ayeke ukubacingela kakubi abantu aze acinge izinto ezakhayo?

  • Ekugqibeleni, uZodwa uba nefuthe njani kumanyano lwebandla?

Ngubani oyena mntu simvisa ubuhlungu xa sinenzondo?