Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

AmaKristu Abonakala Ngothando​—Vuyisana Nenyaniso

AmaKristu Abonakala Ngothando​—Vuyisana Nenyaniso

KUTHENI KUBALULEKILE NJE? Simele sixelise uYesu, siyingqinele inyaniso engenjongo kaThixo. (Yoh 18:37) Simele sivuyisane nenyaniso, siyithethe inyaniso, sihlale sicinga izinto eziyinyaniso, nangona siphila kwihlabathi elizaliswe bubuxoki nentswela-bulungisa.​—1Ko 13:6; Fil 4:8.

SINGAYENZA NJANI LE NTO?

  • Zimisele ukuba ungayimameli kwaye ungayidlulisi intlebendwane.​—1Te 4:11

  • Sukuvuya xa omnye umntu esengxakini

  • Vuyiswa zizinto ezintle nezikhuthazayo

BUKELA IVIDIYO ETHI “YIBANI NOTHANDO PHAKATHI KWENU”​—MUSA UKUBA NEMIHLALI NGENTSWELA-BULUNGISA, KODWA VUYISANA NENYANISO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Lo dade wabonisa njani ukuba ‘unemihlali ngentswela-bulungisa’?

  • UInathi wayitshintsha njani incoko yakhe naye ukuze bathethe ngezinto ezintle?

  • Zeziphi ezinye izinto ezintle esingancokola ngazo?

Sukuvuyiswa zizinto ezimbi, vuyiswa yinyaniso