Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | EKSODUS 33-34

Izinto Ezithandekayo NgoYehova

Izinto Ezithandekayo NgoYehova

34:5-7

UMoses wayezazi kakuhle iimpawu zikaYehova, ibe loo nto yamnceda wakwazi ukuba nomonde kumaSirayeli. Nathi ngokufanayo, xa siziqonda kakuhle iimpawu ezintle zikaYehova, sitsho sikwazi ukubaphatha kakuhle abazalwana noodade nokuba nenceba.

  • “Unenceba novelwano”: UYehova ubaphatha ngothando ibe ubakhathalele abakhonzi bakhe, njengomzali okhathalele abantwana bakhe

  • “Akakhawulezi ukucaphuka”: UYehova unomonde kubakhonzi bakhe, naxa besenza iimpazamo ubanika ithuba lokuba baguquke, benze utshintsho

  • “Uyaphuphuma luthando olungagungqiyo”: UYehova ubathanda kakhulu abantu bakhe, ibe uthando analo ngabo soze luphele

KHAWUZIBUZE, ‘Ndingamlinganisa njani uYehova ngokuba nenceba novelwano?’