Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Lutsha​—Ngaba UYehova Ngumhlobo Wenu Omkhulu?

Lutsha​—Ngaba UYehova Ngumhlobo Wenu Omkhulu?

Ziintoni ozikhangelayo emntwini ukuze abe ngumhlobo wakho? Mhlawumbi uthanda umntu onyanisekileyo, onobubele, nothanda ukupha. UYehova unazo zonke ezo zinto. (Eks 34:6; IZe 14:17) Xa uthandaza kuye, uyamamela. Xa kukho into oyidingayo nanini na, uyakunceda. (Nd 18:19, 35) Xa wenze impazamo, uyakuxolela. (1Yo 1:9) UYehova ngoyena Mhlobo mkhulu!

Unokuba nguye njani umhlobo kaYehova? Funda ngaye kwiLizwi lakhe. Mxelele yonke into. (Nd 62:8; 142:2) Bonisa ukuba uyazixabisa izinto ezibalulekileyo kuYehova, njengoBukumkani bakhe, uNyana wakhe, nezinto athembisa ukuzenza. Xelela abanye ngaye. (Dut 32:3) Ukuba usondela kuYehova ukuze ube ngumhlobo wakhe, naye uza kuba nguMhlobo wakho ngonaphakade.​—Nd 73:25, 26, 28.

BUKELA IVIDIYO ETHI LUTSHA​—“NGCAMLANI NIBONE UKUBA UYEHOVA ULUNGILE,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Ungenza ntoni ukuze uzinikele uze ubhaptizwe?

  • Abazalwana noodade ebandleni bangakunceda njani ukuze ukhonze uYehova?

  • Ukushumayela kubuqinisa njani ubuhlobo bakho noYehova?

  • Zeziphi ezinye iindlela onokumkhonza ngazo uYehova?

  • Yintoni oyithandayo ngoYehova?