Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Iphulo Elikhethekileyo Lokushumayela NgoBukumkani BukaThixo NgoNovemba

Iphulo Elikhethekileyo Lokushumayela NgoBukumkani BukaThixo NgoNovemba

UYesu washumayela “iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo.” (Luk 4:43) Wafundisa nabantu ukuba babuthandazele obu Bukumkani. (Mat 6:9, 10) NgoNovemba, siza kuba nephulo elikhethekileyo lokushumayela ngoBukumkani BukaThixo. (Mat 24:14) Lungisa iimeko zakho ukuze ukwazi ukubakhona xa sisenza lo msebenzi ukhethekileyo. Oovulindlela abangabancedani bangakhetha ukwenza iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50 ngoNovemba.

Shumayela ngesibhalo esithetha ngoBukumkani bukaThixo kubo bonke obafumanayo kwintsimi yenu. Xa ukhetha isibhalo oza kushumayela ngaso, qala ngokucinga ngezinto abazikholelwayo abantu oza kuthetha nabo. Ukuba umntu othetha naye unomdla, mnike iMboniselo yango-2020 enomxholo othi ‘Yintoni UBukumkani BukaThixo’. Emva kokuba uhambile, khawuleza ubuyele kuye, uze uzame ukuqalisa isifundo seBhayibhile usebenzisa enye yeencwadi esifundisa ngazo. Sekusele ixesha elifutshane ngaphambi kokuba uBukumkani BukaThixo butyumze bonke oorhulumente abangabufuniyo obu Bukumkani. (Dan 2:44; 1Ko 15:24, 25) Ngoko, masenze konke esinako ukuze sibekhona kweli phulo, kuba lithuba lethu lokubonisa ukuba thina simi kwicala likaYehova noBukumkani bakhe!

UBukumkani bukaThixo buza kwenza umhlaba ube yiParadesi!