Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iintshumayelo

Iintshumayelo

IMBONISELO

Umbuzo: Ngamaxesh’ athile sonke siyakufuna ukuthuthuzelwa. Sinokuyifumana phi intuthuzelo?

Isibhalo: 2Ko 1:3, 4

Unokuthi: Le Mboniselo ithetha ngendlela uThixo asithuthuzela ngayo.

IMBONISELO (ngasemva)

Umbuzo: Abanye abantu bathi uBukumkani bukaThixo busentliziyweni yomntu; abanye bacinga ukuba yimiphumo yemigudu yabantu yokuzisa uxolo emhlabeni. Uthini wena?

Isibhalo: Dan 2:44

Unokuthi: Ngokutsho kweBhayibhile, uBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokwenene. Eli nqaku lithetha ngezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile ngoBukumkani bukaThixo.

FUNDISA INYANISO

Umbuzo: Sinokwazi njani ukuba uThixo usikhathalele?

Isibhalo: 1Pe 5:7

Inyaniso: UThixo uthi masithandaze kuye kuba usikhathalele.

ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO

Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.