Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Khuthaza Abanomdla Ukuba Baye Kwiintlanganiso

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Khuthaza Abanomdla Ukuba Baye Kwiintlanganiso

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Iintlanganiso zibangela ukuba ‘siculele’ uYehova size ‘simdumise’ rhoqo. (Nd 149:1) Kuzo, sifundiswa ukwenza ukuthanda kukaThixo. (Nd 143:10) Abantu abanomdla nesibafundelayo badla ngokwenza inkqubela emva kokuba beye kwiintlanganiso.

INDLELA YOKUKWENZA:

  • Mmeme ngokukhawuleza umntu onomdla. Sukulinda de niqalise ukufunda.—ISi 22:17

  • Mxelele indlela eziqhutywa ngayo iintlanganiso nokuba kuza kuthethwa ngantoni. Nazi izinto ezinokukunceda: isimemo seentlanganiso, ividiyo ethi Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani?, nesifundo 5 no-7 sencwadana ethi Ukuthanda KukaYehova

  • Mncede. Ngaba lo mntu akanandlela yokuza kwiintlanganiso okanye ufuna umncede ngendlela amakanxibe ngayo? Hlala naye ezintlanganisweni uze umbonise indawo ekufundwa kuyo. Mazise kwabanye