Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 135-141

Senziwe Ngokungummangaliso

Senziwe Ngokungummangaliso

UDavide wacingisisa kakhulu ngeempawu zikaThixo ezibonakala kwindalo Yakhe. Zange oyike ukuphila ubomi bakhe bonke ekhonza uYehova.

UDavide wacingisisa kakhulu ngendalo, waza wagqiba ekubeni amdumise uYehova:

139:14

  • “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo”

139:15

  • “Amathambo am ayengafihlakalanga kuwe ukwenziwa kwam emfihlekweni, xa ndalukwayo kwezona nxalenye zisezantsi zomhlaba”

139:16

  • “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho”