Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​​—⁠Qala Incoko Eza Kukuvulela Ithuba Lokushumayela

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​​—⁠Qala Incoko Eza Kukuvulela Ithuba Lokushumayela

UYesu wakwazi ukushumayeza umSamariyakazi kuba waye waqala wancokola naye. Thina, singabuphucula njani ubuchule bethu bokuqalisa incoko nabantu esingabaziyo?

  • Yiba nobubele uze uncokole nabantu. Nakubeni wayediniwe, uYesu waqala incoko ngokucela amanzi. Ngoko nawe ungaqalisa ngokubulisa uze mhlawumbi uncokole ngemozulu okanye ngento engundaba-mlonyeni ekuhlaleni. Khumbula kaloku, eyona nto ifunekayo kukuqalisa incoko, ngoko thetha ngayo nantoni na anokuba nomdla kuyo umntu. Ukuba akakuhoyi, ungakhathazeki. Phinda uzame komnye umntu. Cela uYehova akuphe isibindi.​—Neh 2:4; IZe 4:29.

  • Kwalapha encokweni, khangela ithuba lokushumayela kodwa ungangxami. Yiyeke incoko iziqhube. Xa uyilawula, loo mntu uncokola naye uza kungakhululeki aze ayeke ukuncokola nawe. Ungakhathazeki ukuba incoko iphele ungekashumayeli. Ukuba kunzima kuwe ukushumayela, khawuziqhelise ukuqala incoko nje nabantu ungenanjongo yakubashumayeza. [Makudlalwe ividiyo 1 nize niyixubushe.]

  • Zama ukuvula ithuba lokushumayela ngokuchaza indlela ovakalelwa ngayo ngonqulo lwakho ngendlela enokwenza loo mntu abuze imibuzo. UYesu wathetha izinto ezibangela umdla ezenza ukuba elo bhinqa libuze imibuzo. Xa wayelishumayeza, wayephendula imibuzo yalo. [Makudlalwe ividiyo 2 nize niyixubushe, emva koko kudlalwe ividiyo 3 nize niyixubushe.]