Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOHANE 5-6

Landela UYesu Unenjongo Entle

Landela UYesu Unenjongo Entle

6:9-11, 25-27, 54, 66-69

Xa abafundi bengazange bayiqonde into eyayithethwa nguYesu, abanye bakhubeka baza ababi sahamba naye. Ngezolo, uYesu wayebenzele ukutya ngommangaliso, engqina into yokuba amandla uwafumene kuThixo. Yintoni ke eyayibenza bakhubeke? Babengenazinjongo zintle ngokulandela uYesu. Babemlandela kuba befuna amaqithiqithi.

Mntu ngamnye kufuneka azibuze: ‘Kutheni ndilandela uYesu? Ngaba esona sizathu kukuba kukho into endiyincwasileyo ngoku okanye kwixesha elizayo? Okanye kungenxa yokuba ndithanda uYehova kwaye ndifuna ukumvuyisa?’

Kutheni sinokukhubeka ukuba ezona zizathu zokukhonza uYehova zezi zilandelayo?

  • Sithanda nje ukuba phakathi kwabantu bakaThixo

  • Sifuna nje ukuphila eParadesi