UYesu Wamzukisa UYise
Kuyo yonke into awayeyithetha nawayeyenza, uYesu wayezukisa uYise osezulwini. Wayefuna abantu bazi ukuba into ayithethayo isuka kuThixo. Ngoko izinto awayezifundisa wayezithatha eZibhalweni kwaye esoloko ecaphula kuzo. Xa abantu babemncoma, wayelususa kuye olo zuko aze aluse kuYehova. Eyona nto yayibalulekile kuye, yayikukwenza umsebenzi awayewuthunywe nguYehova.—Yoh 17:4.
Singamxelisa njani uYesu xa . . .
-
siqhuba isifundo seBhayibhile okanye siseqongeni?
-
sinconywa ngabantu?
-
sigqiba ngendlela emasisebenzise ngayo ixesha lethu?