UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI
Kuvumele Ukuncedwa Ngabanye Abazalwana
UYehova usinike ‘bonke abazalwana bethu’ ukuze basincede. (1Pe 5:9) Banokusinceda siphumelele xa sineengxaki kumsebenzi wethu wokushumayela. Ngokomzekelo, nompostile uPawulos wancedwa nguAkwila, nguPrisila, nguSilas, nguTimoti nabanye.—IZe 18:1-5.
Abazalwana noodade banokukunceda njani xa ushumayela? Banokukunika amacebiso ezinto onokuzenza xa uchaswa, xa usenza amabuyelo, xa usiqalisa okanye xa usiqhuba isifundo seBhayibhile. Cinga ngomntu osebandleni lakho onokucela kuye uncedo uze umcele akuncede. Nobabini niza kuncedakala ibe niza konwaba.—Fil 1:25.
BUKELA IVIDIYO ETHI KONWABELE UKUSHUMAYELA—MVUMELE UYEHOVA AKUNCEDE—ABAZALWANA BETHU, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
UNeeta wamkhuthaza njani uJade ukuba aye kwiintlanganiso?
-
Kutheni kufuneka simeme abanye abavakalisi xa siqhuba isifundo?
-
Yintoni uJade noAbigay ababeyithanda?
-
Abanye abazalwana noodade banokukunceda njani kumsebenzi wokushumayela?