INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Hlala Ucinga NgoYehova
Xa umsebenzi unqabile kusenokuba nzima ukuhlala sibeka kuqala uBukumkani nezinto athi uThixo zilungile. Sinokulingelwa ukuba samkele umsebenzi oza kusiphazamisa ekukhonzeni uYehova okanye oza kusenza singayithobeli imigaqo yeBhayibhile. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uyawasebenzisa amandla akhe “ngenxa yabo bantliziyo zipheleleyo kuye.” (2 Kro 16:9) Ayikho into enokwenza uTata wethu osithandayo angasincedi okanye asinike izinto esizidingayo. (Rom 8:32) Yiloo nto kufuneka sithembele ngoYehova xa sisenza izigqibo ngomsebenzi kuze ukumkhonza kube yeyona nto iphambili.—Nd 16:8.
BUKELA IVIDIYO ETHI MSEBENZELE NGAMANDLA AKHO ONKE UYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Kwakutheni ukuze uJason angavumi ukunyotywa?
-
AmaKolose 3:23 asinceda njani?
-
UThomas uncedakele njani ngumzekelo omhle kaJason?
-
UMateyu 6:22 usinceda njani?