INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Qhubekani Niqeqesha Amandla Enu Engqondo
Ukuze imbaleki ihlale isemandleni kufuneka iqhubeke iqeqesha umzimba wayo. Ngokufanayo, nathi kufuneka sizimisele ukuziqeqesha ukuze sikwazi ukwahlula phakathi kwento elungileyo nembi. (Heb 5:14) Nangona kusenokuba lula ukulinganisa izigqibo ezenziwa ngabanye, sifanele sifunde ukuzenzela ezethu izigqibo. Ngoba? Kuba sonke siza kuziphendulela ngezigqibo esizenzayo.—Rom 14:12.
Ukuba neminyaka emininzi sibhaptiziwe akuthethi ukuba siza kusoloko sisenza izigqibo ezilungileyo. Kufuneka sithembele kuYehova, iLizwi lakhe, nentlangano yakhe ukuze senze izigqibo zobulumko.—Yos 1:7, 8; IMi 3:5, 6; Mat 24:45.
BUKELA IVIDIYO ETHI “HLALA UNESAZELA ESILUNGILEYO,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Sesiphi isigqibo ekwakufuneka uEmma asenze?
-
Kutheni kufuneka sikulumkele ukuthetha into esiyicingayo ngezinto abantu ekufuneka bazigqibele ngokwabo kuzo?
-
Omnye umzalwana nenkosikazi yakhe bamcebisa njani uEmma?
-
UEmma wawafumana phi amanye amacebiso awayeza kumnceda kwimeko awayekuyo?