YIKHUTHALELE INTSIMI | IKONWABELE UKUSHUMAYELA
Sebenzisa Izixhobo Zethu Zokuphanda
UYehova usinika izixhobo ezifana neevidiyo, amaphecana, iincwadi, iincwadana nesona sixhobo sethu sibalulekileyo iBhayibhile, ukuze sikwazi ukufundisa kakuhle. (2Ti 3:16) Usinika nezixhobo zokuphanda ezisinceda sicacelwe yiBhayibhile. IWatchtower Library, iJW Library®, iWatchtower ONLINE LIBRARY™, neSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova zezinye zezi zixhobo.
Uza konwaba xa usebenzisa zonke izixhobo ezikhoyo ukuze ufundisise iBhayibhile ngakumbi. Qiniseka ukuba uyazifundisa izifundo zakho indlela yokuzisebenzisa ezi zixhobo. Xa usenza loo nto baza kukonwabela ukufumana iimpendulo kwimibuzo abanayo yeBhayibhile.
BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI—MVUMELE UYEHOVA AKUNCEDE—SEBENZISA IZIXHOBO ZOKUPHANDA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
UJade uye wayiphikisa njani into ayixelelweyo ngendalo?
-
UNeeta uye wayifumana phi into aza kuyithetha kuJade?
-
UNeeta uyikhethe njani eyona nto ebiza kumnceda uJade?
-
Izixhobo zethu zokuphanda zimncede njani uNeeta?