Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Sebenzisa uPhila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Xa Ushumayela

Sebenzisa uPhila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Xa Ushumayela

Kuyasivuyisa ukuba nencwadi nencwadana entsha yokuqhuba izifundo zeBhayibhile! Sithandazela ukuba uYehova asikelele zonke izinto esizizamayo ukuze senze abafundi abangakumbi. (Mat 28:18-20; 1Ko 3:6-9) Sinokuyisebenzisa njani le ncwadi nale ncwadana intsha?

Ekubeni uPhila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, incoko ethetha ngeBhayibhile, esixelela indlela entsha yokufundisa, nazi iindlela onokuzisebenzisa ukuze ulungiselele uze uqhube izifundo zeBhayibhile. *

  • Fundani iziqendu nize nincokole ngemibuzo

  • Fundani izibhalo ezibhalwe “funda” uze uncede isifundo siqonde ukuba unokuzisebenzisa njani ezi zibhalo

  • Dlala iividiyo nize nincokole ngazo, nisebenzise imibuzo eniyinikiweyo

  • Qho xa nifunda zamani ukufunda isifundo esinye nisigqibe

Xa ushumayela, qala unike umntu incwadana ukuze ubone ukuba unomdla na. (Jonga ibhokisi ethi “ Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Kutyelelo Lokuqala”) Ukuba niyifunde nayigqiba incwadana ibe nesifundo sisafuna ukuqhubeka, mnike incwadi nize niqale kwisifundo 04. Kanti ukuba sele nifunda kwenye yeencwadi esifundisa ngazo, yiyekeni nize niqalise ukusebenzisa ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Nguwe oza kugqiba ukuba nimele niqale phi.

BUKELA IVIDIYO ETHI SIYAKWAMKELA KWISIFUNDO SAKHO SEBHAYIBHILE, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

^ isiqe. 4 QAPHELA: Nangona indawo ethi “Jonga Nezi Zinto” ninganyanzelekanga ukuba niyenze xa niqhuba isifundo, funda okanye ubukele izinto ezipha xa ulungiselela. Xa usenza loo nto, uza kuyazi ukuba yintoni eza kumnceda umntu omfundelayo. Incwadi efumaneka nge-elektroniki ineelinki zeevidiyo nezinye izinto ezifundwayo.

 IZINTO EZIFUNDISWAYO NEZINTO ONOKUZIMISELA UKUZENZA KWICANDELO NGALINYE

 

IZIFUNDO

IZINTO EZIFUNDISWAYO

IZINTO ISIFUNDO EKUFUNEKA SIZIMISELE UKUZENZA

1

01-12

Jonga ukuba iBhayibhile inokukunceda njani ibe ungamazi njani uMbhali wayo

Khuthaza umntu omfundelayo ukuba alungiselele isifundo sakhe, afunde iBhayibhile, aze aqalise nokuya kwiintlanganiso

2

13-33

Jonga izinto uThixo asenzele zona nendlela afuna simkhonze ngayo

Khuthaza umntu omfundelayo ukuba axelele abanye ngezinto azifundayo aze abe ngumvakalisi ongabhaptiziwanga

3

34-47

Jonga izinto uThixo afuna abantu abamkhonzayo ukuba bazenze

Mkhuthaze nokuba azinikele kuYehova aze abhaptizwe

4

48-60

Funda ngendlela yokuhlala uthandwa nguThixo

Fundisa isifundo sakho ngendlela yokwahlula phakathi kwezinto ezilungileyo nezingalunganga, nokuba angenza njani ukuze asondele nangakumbi kuThixo