Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Yiba Nobulumko Xa Ukhetha Umntu Oza Kutshata Naye

Yiba Nobulumko Xa Ukhetha Umntu Oza Kutshata Naye

USolomon wenza ngobudenge ngokuthi atshate abafazi ababekhonza izithixo (1Ku 11:1, 2; w18.07 18 ¶7)

Kancinci kancinci, abafazi bakaSolomon benza uSolomon wabhekela kuYehova (1Ku 11:3-6; w19.01 15 ¶6)

UYehova waba nomsindo ngenxa yento eyenziwa nguSolomon (1Ku 11:9, 10; w18.07 19 ¶9)

IBhayibhile icebisa amaKristu ukuba atshate umntu kuphela ‘ukuba ngumlandeli weNkosi.’ (1Ko 7:39) Nokuba umntu ubhaptiziwe, loo nto ayithethi ukuba ngumntu ofanelekayo ukuba angatshata nawe. Ngaba lo mntu uza kukunceda uqhubeke uzinikele ekukhonzeni uYehova? Ngaba sekulixesha elide ebonisa ukuba umthanda nyhani uYehova? Kuhle ukuba uqale umazi kakuhle umntu ngaphambi kokuba utshate naye.