INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
KU-JW.ORG/XH Ungafumana Ubulumko Obunokukunceda Yonke Imihla
Kule mihla yokugqibela inzima, iLizwi likaThixo lisinceda sikwazi ukumelana neengxaki. (2Ti 3:1, 16, 17) Nangona kunjalo, ngamanye amaxesha sisenokudinga ukuncedwa sifumane imigaqo yeBhayibhile eza kusinceda kwizinto ezithile. Ngokomzekelo, ngaba ungumzali ofuna ukucetyiswa ngendlela yokukhulisa abantwana? Ngaba ungumntu osemtsha okufumanisa kunzima ukuhlala enyanisekile kuYehova? Ngaba ubuhlungu ngenxa yokuswelekelwa ngumntu obutshate naye? Uza kufumana inkcazelo ku-jw.org/xh eza kukubonisa imigaqo yeBhayibhile, loo migaqo iza kukunceda kwezi zinto zingasentla nakwezinye.—IMi 2:3-6.
Kwiphepha lokuqala ku-jw.org/xh, cofa kwindawo ethi IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE. (Jonga umfanekiso 1.) Kwimixholo evelayo, khetha lowo unomdla kuwo. Okanye ucofe indawo ethi ILAYIBRARI > AMANQAKU AHLUKAHLUKENEYO uze ucofe le nto uyifunayo kwizinto ezivelileyo. (Jonga umfanekiso 2.) Naku-JW Library® kuvela izinto ezifanayo. a Ungakuvuyela ukuwajonga la manqaku nokuba kuku-JW Library® okanye ku-jw.org/xh. Enye into onokuyenza ukuze ufumane lo mxholo uwufunayo kukuyibhala kula ndawo ithi ‘khangela’ ku-jw.org/xh.
Bhala le mixholo ilandelayo kula ndawo ithi ‘khangela’ uze uwabhale phantsi amanqaku ofuna ukuwafunda.
-
Ukukhulisa abantwana
-
Ulutsha olungonwabanga
-
Ukuswelekelwa ngumntu otshate naye
a Kweminye imixholo, amanqaku ahlukahlukeneyo napheleleyo afumaneka ku-jw.org/xh qha.