Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oktobha 7-13

INDUMISO 92-95

Oktobha 7-13

Ingoma 84 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Ukukhonza UYehova Yeyona Ndlela Ibhetele Yokuphila!

(imiz. 10)

UYehova ufanelwe kukuba simkhonze (INd 92:​1, 4; w18.04 26 ¶5)

Ubanceda abantu bakhe ngokubanika ubulumko bokwenza izigqibo eziza kubanceda bonwabe (INd 92:5; w18.11 20 ¶8)

Ubaxabisile abo bamkhonza noxa bebadala (INd 92:​12-15; w20.01 19 ¶18)

KHAWUZIBUZE, ‘Ndinqandwa yintoni ukuba ndizinikele kuYehova ndize ndibhaptizwe?’

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 92:5​—La mazwi akule vesi abuchaza kakuhle njani ubulumko bukaYehova? (cl 176 ¶18)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Njengoko uncokola yenza ithuba lokuxelele umntu othetha naye ngomsebenzi wakho wokufundisa abantu iBhayibhile. (lmd isifundo 5 ingongoma 3)

5. Ukubuyela

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Cela ukuqhubela umntu isifundo seBhayibhile ongazange avume ngaphambili. (lmd isifundo 8 ingongoma 4)

6. Ukwenza Abafundi

(imiz. 5) Ingxubusho kunye nesifundo seBhayibhile esingahambeli phambili. (lmd isifundo 12 ingongoma 5)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 5

7. Xa Amaxhala Engaphuzulu Kwabo Basakhulayo

(imiz. 15) Ingxubusho.

Abakhonzi bakaYehova bakhe babe namaxhala. Ngokomzekelo, kwakukho amaxesha apho uDavide wayesiba nexhala kakhulu ibe kunjalo nanamhlanje kubazalwana noodade bethu abaninzi. (INd 13:2; 139:23) Okubuhlungu kukuba nabo basakhulayo ngokweminyaka babanamaxhala. Ngamaxesha athile, ukuba nexhala kunokwenza kungabilula kubo ukuya esikolweni okanye ukuya kwiintlanganiso zamaKristu. Le nto inokude ikhokelele ekubeni bahlaselwa yipanic attack okanye bacinge ngokuzibulala.

Nina nisakhulayo, xa niziva ninexhala kakhulu thetha nomzali wakho okanye nomnye umntu omdala. Qiniseka ukuba uthetha naye noYehova ngomthandazo umcele ukuba akuncede. (Fil 4:6) Uza kukunceda. (INd 94:​17-19; Isa 41:10) Jonga umzekelo kaSteing.

Dlala IVIDIYO ethi UYehova Wandikhathalela. Uze ubuze le mibuzo:

• Sesiphi isibhlalo esanceda uSteing ibe ngoba?

• UYehova wamkhathalela njani?

Bazali, ningakwazi ukuncenda abantwana benu bakwazi ukumelana namaxhala, ngokubamamela ngomonde, nibaxelele indlela enibathanda ngayo nize nibancede baqiniseke ukuba uYehova uyabathanda. (Tit 2:4; Yak 1:19) Thembela ngoYehova ukuba uza kunika izinto ozidingayo namandla okwazi ukunceda abantwana bakho.

Sisenokungayazi xa umntu ebandleni enexhala eligqithisileyo okanye siyiqonde indlela avakalelwa ngayo. Sekunjalo, sisenokunceda bonke ebandleni bazive bethandwa ibe bamkelekile.​—IMi 12:25; Heb 10:24.

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 81 Nomthandazo