Septemba 16-22
INDUMISO 85-87
Ingoma 41 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Umthandazo Usinceda Sinyamezele
(imiz. 10)
Cela uYehova akwenze wonwabe (INd 86:4)
Cela uYehova akuncede uhlale uthembekile (INd 86:11, 12; w12 5/15 25 ¶10)
Mthembe uYehova ukuba uza kuyiphendula imithandazo yakho (INd 86:6, 7; w23.05 13 ¶17-18)
KHAWUZIBUZE, ‘Xa ndineengxaki imithandazo yam iba mide kangakanani? Ngaba ndithandaza qho?’—INd 86:3.
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
INd 86:11—Umthandazo kaDavide usixelela ntoni ngentliziyo yomntu? (it-1-E 1058 ¶5)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INd 86:1–87:7 (th isifundo 12)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 3 ingongoma 5)
5. Ukubuyela
(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Qalisa isifundo seBhayibhile nomntu obuthethe naye kwixesha elidlulileyo obekhathazwa yinto esanda kwenzeka. (lmd isifundo 7 ingongoma 4)
6. Ukwenza Abafundi
(imiz. 5) lff isifundo 15 ingongoma 5. Yenza amalungiselelo kunye nesifundo sakho ukuze sifunde nangona ungazubakho kwiveki ezayo. (lmd isifundo 10 ingongoma 4)
Ingoma 83
7. Ungatyhafi
(imiz. 5) Ingxubusho.
Dlala IVIDIYO Uze ubuze le mibuzo:
-
Kutheni ngamanye amaxesha sisenokutyhafa xa sishumayela?
-
Kutheni singamele sityhafe?
8. Qhubeka Nokuqalisa Izifundo ZeBhayibhile!
(imiz. 10) Ingxubusho.
Ngaba sele uqalisile ukuqhuba isifundo seBhayibhile usebenzisa incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! kweli phulo likhethekileyo lale nyanga? Ukuba kunjalo inoba uvuya nyhani! Ngokufanayo nabanye bakhuthazekile kuba uqalise isifundo. Kwelinye icala, ukuba awukasiqalisi isifundo seBhayibhile mhlawumbi uyazibuza ukuba ngaba wenza konke okusemandleni akho ukuze usiqalise. Ungenza ntoni ukuba uziva utyhafile kuba ungade uqalise isifundo?
Dlala IVIDIYO ethi “Sibonisa Ukuba Singabakhonzi BakaThixo . . . Ngokuba Nomonde” —Xa Sishumayela. Uze ubuze le mibuzo:
-
Angasinceda njani ama-2 Korinte 6:4, 6 xa umsebenzi wokushumayela ubonakala “ungahambeli ndawo”?
-
Loluphi utshintsho onokulwenze ukuba uvakalelwa kukuba imizamo oyenzayo yokuqalisa isifundo seBhayibhile ayiphumeleli?
Khumbula ukuba uvuyo lwethu aluxhomekanga kwinani lezifundo zeBhayibhile esiziqalisayo okanye esiziqhubayo. Kunoko sivuya kuba sisazi ukuba uYehova uyaneliseka xa sizama. (Luk 10:17-20) Qhubeka uncedisa ngentliziyo yakho yonke kweli phulo likhethekileyo ‘usazi ukuba ukusebenza kwakho akulolize eNkosini.’!—1Ko 15:58.
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 15 ¶13-14, nebhokisi ekwiphepha 121