Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Septemba 2-8

INDUMISO 79-81

Septemba 2-8

Ingoma 29 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Bonisa Uthando Ngegama LikaYehova Elizukileyo

(imiz. 10)

Sukwenza nantoni na angayifuniyo uYehova (INd 79:9; w17.02 9 ¶5)

Khalela egameni lakhe (INd 80:18; ijwbv 3 ¶4-5)

UYehova uyabasikelela kakhulu abo bamthobelayo nababonisa ukuba bayalithanda igama lakhe (INd 81:​13, 16)

Ukuze indlela esiziphatha ngayo ingcwalise igama likaYehova, kufuneka sibazise abantu ukuba singamaNgqina akhe

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 80:1​—Ngamanye amaxesha, kwakutheni ukuze igama likaYosefu lisetyenziswe ekubhekiseleni kwizizwe zonke zakwaSirayeli? (it-2-E 111)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(umz. 1) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 4 ingongoma 4)

5. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 4 ingongoma 3)

6. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 2) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 3 ingongoma 3)

7. Ukubuyela

(imiz. 5) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile nomntu owayengenamdla ngaphambili. (lmd isifundo 8 ingongoma 3)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 10

8. “Baza Kulingcwalisa Igama Lam”

(imiz. 15) Ingxubusho.

USathana waqalisa ukungcolisa igama likaYehova kumyezo wase-Eden. Ukususela ngoko, abantu neengelosi kuye kwafuneka benze isigqibo esibalulekileyo sokuba baza kulithethelela na igama likaYehova.

Cinga ngobunye bobuxoki obusasazwe nguSathana ngoYehova. Umtyhola ngokuba ngumlawuli okhohlakeleyo nongenathando. (Gen 3:​1-6;Yob 4:​18, 19) Uthi abakhonzi bakaYehova bayazenzisa ngokuthi bayamthanda. (Yob 2:​4, 5) USathana uye wenza iimiliyoni zabantu zakholelwa ukuba uYehova ayingoMdali welihlabathi lihle siphila kulo.​—Rom 1:​20, 21.

Uziva njani wena ngobubuxoki? Mhlawumbi bukwenza ufune ukuphakama umele uYehova! UYehova ebesazi ukuba abakhonzi bakhe baza kufuna ukunceda kungcwaliswe igama lakhe. (Thelekisa Isaya 29:23.) Unganceda njani?

  • Nceda abanye abantu bamazi baze bamthande uYehova. (Yoh 17:​25, 26) Kulungele ukunikela ubungqina bokuba ukho uze ufundise nabanye ngeempawu zakhe ezimangalisayo.​—Isa 63:7

  • Mthande uYehova ngentliziyo yakho yonke. (Mat 22:​37, 38) Thobela imiyalelo kaYehova hayi kuba ilungile nje qha kodwa kuba ufuna ukumvuyisa uYehova.​—IMi 27:11

Dlala IVIDIYO ethi Ungaze Uvumele Uthando Lwakho Luphele Kuba . . . Ingathandwa Imithetho KaThixo Esikolweni. Uze ubuze le mibuzo:

  • UAriel noDiego baye balithethelele njani igama likaYehova?

  • Yintoni ebancede bakwazi ukumela uYehova?

  • Ungawulinganisa njani umzekelo wabo?

9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 90 Nomthandazo