HLALANI NITHE QWA!
U-2022: Unyaka Owenze Abantu Banexhala Notshintshe Izinto—Ithini IBhayibhile?
Ngo-2022, ezindabeni besisoloko sisiva ngemfazwe eyenzekayo, iingxaki zemali, neentlekele zemvelo. YiBhayibhile kuphela echaza ukuba ezi zinto zenzekayo zithetha ukuthini.
Eyona nto iboniswa zizinto ezenzeke ngo-2022
Izinto ezenzeke kunyaka ophelileyo zenza kucace ukuba nyhani siphila kwixesha iBhayibhile ethi ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Elo xesha laqala ngonyaka ka-1914. Jonga indlela izinto ezenzekayo ezidibana ngayo nezinto iBhayibhile eyathi ziza kwenzeka kule mihla yethu:
‘Iimfazwe.’—Mateyu 24:6.
“Ngo-2022 Kuphinde Kwenzeka Izinto Ezimbi EYurophu Ngenxa Yemfazwe.” a
Jonga inqaku elithi “IRashiya Ihlasela I-Ukraine.”
“Indlala.”—Mateyu 24:7.
“Ngo-2022 Kuye Kwakho Indlala Kakhulu.” b
Jonga inqaku elithi “Imfazwe EseUkraine Yenza Kubekho Indlala Nakakhulu Emhlabeni.”
‘Izifo ezingubhubhani.’—Luka 21:11.
“Isifo sepoliyo sibuyile, nemonkeypox ibisiya isanda, kwelinye icala nekhorona ibiqhubeka isenza umonakalo omkhulu. Yonke le nto yenze yacaca indlela izifo ezosulelayo eziyingozi ngayo, nokuba abantu banokungena lula engozini.” c
Jonga inqaku elithi “Kusweleke Abantu Abayi-6 Miliyoni Ngenxa YeKhorona.”
“Izinto ezoyikekayo.”—Luka 21:11.
“Bekukho izikhukula, kusitsha amahlathi, kunganethi, namaqondo obushushu esonyuka. Ihlobo lango-2022 liza kukhunjulwa ngobushushu obungaqhelekanga obuye babangela kwenzeka izinto ezibuhlungu. Kuye kwasweleka abantu abaninzi, ibe iimiliyoni zabantu emhlabeni wonke ziye zalahlekelwa ngamakhaya azo.” d
Jonga inqaku elithi “Kushushu Ngendlela Engaqhelekanga.”
‘Iziphithiphithi.”—Luka 21:9.
“Ngo-2022 kuye kwakho abantu abaninzi abatoyi-toyayo bekhalazela oorhulumente. Le nto bayenze kuba benomsindo kakhulu ngokudura kwezinto neengxaki zemali.” e
Jonga inqaku elithi “Ukudura Kwezinto Emhlabeni Wonke.”
Kuza kwenzeka ntoni kunyaka ozayo?
Akakho umntu owaziyo ukuba kuza kwenzeka ntoni kanye kanye ngo-2023. Eyona nto siyaziyo kukuba, uBukumkani bukaThixo okanye urhulumente wasezulwini, sele eza kulungisa zonke iingxaki emhlabeni. (Daniyeli 2:44) Lo rhulumente uza kuzisusa zonke ezenza abantu baphile kabuhlungu aze aqinisekise ukuba kwenzeka ukuthanda kukaThixo emhlabeni.—Mateyu 6:9, 10.
Sikukhuthaza ukuba usebenzise icebiso likaYesu Kristu, ‘uhlale uthe qwa’ ukuze ubone ukuba izinto ezenzeka emhlabeni zizizalekisa njani izinto ezathethwa yiBhayibhile kwakudala. (Marko 13:37) Sicela usibhalele ukuba ufuna ukwazi nezinye izinto ngokuba iBhayibhile ingakunceda njani kwangoku, nokuba inganinceda njani nentsapho yakho nifumane ithemba lekamva elibhetele.
a Iindaba ZeAP, “Ngo-2022 Kuphinde Kwenzeka Izinto Ezimbi EYurophu Ngenxa Yemfazwe.”—UJill Lawless, ngoDisemba 8, 2022.
b IWorld Food Programme, “Kuye Kwakho Indlala Kakhulu.”
c IJAMA Health Forum, “Siphila Ngexesha Lezifo—Kuqale Ikhorona Kwakho IMonkeypox, Isifo Sepoliyo, NeDisease X.”—ULawrence O. Gostin, JD, ngoSeptemba 22, 2022.
d IEarth.Org, “Yintoni Eyenze Kwakho Ubushushu Obunguqhelekanga Ngehlobo Lango-2022?”—UMartina Igini, ngo-Oktobha 24, 2022.
e ICarnegie Endowment for International Peace, “Kubekho Iitoyi-toyi Emhlabeni Wonke Ngenxa Yeengxaki Zemali Ngo-2022,”—UThomas Carothers noBenjamin Feldman, ngoDisemba 8, 2022.