Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

JenkoAtaman/stock.adobe.com

HLALANI NITHE QWA!

Kutheni Sifanele Sibe Nethemba Ngo-2023?—Ithini IBhayibhile?

Kutheni Sifanele Sibe Nethemba Ngo-2023?—Ithini IBhayibhile?

 Njengokuba kuqala u-2023, sonke singathanda ukuba kwenzeke izinto ezintle kuthi nakwiintsapho zethu. Kutheni sinokuba nalo elo themba?

IBhayibhile isenza sibe nethemba

 IBhayibhile ineendaba ezimnandi kuba ithi ezi ngxaki sinazo ngoku, azizuhlala zikhona ibe kungekudala ziza kuphela. Kangangokuba izinto eziseBhayibhileni ‘zabhalwa ukuze kufundiswe thina ukuze ukuthuthuzelwa ziZibhalo kusincede sibe nethemba.’Roma 15:4.

Ithemba elingakunceda kwangoku

 Ithemba eliseBhayibhileni lifana “neankile yomphefumlo.” (Hebhere 6:19.) Eli themba linokusenza sizole, sikwazi ukunyamezela iingxaki esinazo, sicinge size senze izinto eziluncedo size sihlale sivuya. Ngokomzekelo:

Qinisa ithemba lakho

 Abantu abaninzi banethemba lokuba izinto emhlabeni ziza kuba bhetele, kodwa abaqinisekanga ukuba ziza kude zibe bhetele nyhani. Kodwa zona izinto ezithenjiswa yiBhayibhile asoze zingenzeki. Ngoba? Kuba izithembiso eziseBhayibhileni zisuka kuYehova uThixo a “ongenakuxoka.” (Tito 1:2) NguYehova kuphela onamandla okwenza zonke izinto azithembisileyo; “wenza yonke into athanda ukuyenza.”—INdumiso 135:5, 6.

 Siyakumema ukuba ufumane iintsikelelo zezithembiso eziseBhayibhileni. Ukuze uqiniseke ukuba ziza kwenzeka, ‘hlolisisa iZibhalo.’ (IZenzo 17:11) Zibonele ngokwakho ngokuzama incoko yethu efundisa ngeBhayibhile. Awuzukubhatala. Qala lo nyaka ka-2023 unethemba!

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.