Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Pawel Gluza/500Px Plus/Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Lehlile Inani Lezilwanyana Zasendle Kule Minyaka Iyi-50 Idlulileyo—Ithini IBhayibhile?

Lehlile Inani Lezilwanyana Zasendle Kule Minyaka Iyi-50 Idlulileyo—Ithini IBhayibhile?

 Nge-9 kaOktobha, 2024, intlangano ekuthiwa yiWorld Wildlife Fund ikhuphe ingxelo eyothusayo ethetha ngemiphumo yezinto ezenziwa ngabantu kwizilwanyana zasendle. Ithe “inani lezilwanyana kule minyaka iyi-50 idlulileyo (ngo-1970 ukuya kutsho ku-2020) lehle kakhulu. Kude kwashiyeka nje ikota kwezo bezikhona.” Le ngxelo iye yalumkisa yathi: “Asiyibaxi xa sisithi izinto ezenzeka kwiminyaka eyi-5 elandelayo, zizo eziza kubonisa ukuba kuza kuhlala kukho izinto eziphilayo na emhlabeni.”

 Abantu abaninzi bayothuka xa besiva iingxelo eziloluhlobo. Siyawuthanda umhlaba wethu omhle, ibe asithandi ukubona izilwanyana zasendle ezikuwo zisengxakini. Siziva ngoluhlobo kuba uThixo wayefuna siziphathe kakuhle izilwanyana.—Genesis 1:27, 28; IMizekeliso 12:10.

 Mhlawumbi usenokuzibuza ukuba, ‘Sizokwazi ukuziphatha kakuhle izilwanyana zasendle? Ithini iBhayibhile?’

Ithemba ngekamva

 Nokuba singazama kangakanani ukuzikhusela ezi zilwanyana, nguThixo kuphela onokwazi ukuzikhusela nyhani. KwiSityhilelo 11:18, iBhayibhile ithi uThixo uza ‘kutshabalalisa abo bonakalisa umhlaba.’ Le vesi isifundisa izinto ezimbini:

  1.  1. UThixo uzokwenza abantu bayeke ukumosha umhlaba.

  2.  2. UThixo sele eza kuyenza le nto. Siyazi njani loo nto? Kaloku ngoku izilwanyana zisengozini enkulu yokubulawa ngabantu, kakhulu kunakuqala.

 Uza kwenza ntoni uThixo ukuze alungise le ngxaki? Uza kusebenzisa urhulumente wakhe wasezulwini okanye uBukumkani bakhe ukuze bulawule emhlabeni wonke. (Mateyu 6:10) Lo rhulumente uza kufundisa aze aqeqeshe abantu abathobelayo indlela yokukhusela nokuphatha kakuhle izilwanyana zasendle emhlabeni.—Isaya 11:9.