Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Justin Paget/Stone via Getty Images

Abantu Abaninzi Baziva Bebodwa—Yintoni Enokukunceda?

Abantu Abaninzi Baziva Bebodwa—Yintoni Enokukunceda?
  •   “E-United States, phantse ihafu yabantu bathi baziva bebodwa, ingakumbi abo baneminyaka eyi-18 ukuya kweyi-25.”—Inqaku elithetha ngeengxaki zabantu abaziva bebodwa, ngo-2023.

  •   “I-World Health Organization iye yachaza ukuba idibanise iqela labantu abaza kuphanda baza baphelise ingxaki yabantu abaziva bebodwa, kuba le ngxaki iyimosha kakhulu impilo yabantu. Eli qela lenza lo msebenzi likhuthaza abantu ukuba baqinise ubuhlobo babo nabanye kuba loo nto ibalulekile. Eli qela limele lizame iindlela zokuyiphelisa le ngxaki emhlabeni wonke, nakumazwe asokolayo.”—I-World Health Organization, ngoNovemba 15, 2023.

 IBhayibhile inamacebiso anokusinceda sikwazi ukwenza abahlobo, sivane nabantu size singaziva sisodwa.

Amacebiso eBhayibhile anokunceda

 Zama ukunciphisa izinto ezikwenza ungabi kunye nabantu. Ezo zinto ziquka ukusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola kakhulu. Endaweni yokwenza loo nto, khangela amathuba okuba kunye nabantu uze wakhe abahlobo abaza kukunceda.

  •   Umgaqo weBhayibhile: “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMizekeliso 17:17.

 Khangela amathuba okunceda abanye. Xa sisenzela abanye izinto ezintle, loo nto isenza sisondelelane nabo size sonwabe.

  •   Umgaqo weBhayibhile: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”—IZenzo 20:35.

 Khangela kwiwebhsayithi yethu ezinye izinto ezisuka eBhayibhileni ezinokukunceda wakhe ubuhlobo obuhle nabanye.