Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YURI LASHOV/AFP via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

AmaKristu Nemfazwe—Ithini IBhayibhile?

AmaKristu Nemfazwe—Ithini IBhayibhile?

 Njengokuba sibonile kule mfazwe yaseUkraine, iinkokheli zeenkonzo zamaKristu zikhuthaza abantu ukuba bakhethe icala kwimfazwe. Jonga indlela ezinye iinkokeli ezixhasa ngalo elinye icala le mfazwe zize ezinye zixhase elinye:

  •   “Siwothulel’ umnqwazi ibe siyawabulela onke amakroti alwela ilizwe lawo iUkraine kwaba bantu balihlaselayo . . . Sisoloko sicinga ngani, sinithandazela, ibe sinixhasa.”—UMetropolitan Epiphanius I waseKyiv, ngokutsho kweendaba zeThe Jerusalem Post, kaMatshi 16, 2022.

  •   “Inkokheli enkulu yecawa yobuOthodoki yaseRashiya iye yabizela amajoni aseRashiya inkonzo ekhethekileyo ngeCawe yaza yawakhuthaza ukuba alwele ilizwe lawo ‘ngendlela enza ngayo amaRashiya’ njengoko iMoscow iqhubeka ihlasela iUkraine.”—Reuters, ngoAprili 3, 2022.

 Ngaba amaKristu amele abe nento ewadibanisa nemfazwe? Ithini yona iBhayibhile?

Into ethethwa yiBhayibhile

 IBhayibhile ithi abantu abamlandela nyhani uYesu Kristu abananto ibadibanisa nemfazwe.

  •   “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abalwa ngekrele baza kufa kwangalo.”—Mateyu 26:52.

     Ngaba umntu oxhasa imfazwe okanye olwa kwimfazwe uthobela amazwi kaYesu?

  •   “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane. Nimele nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo. Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”—Yohane 13:34, 35.

     Ngaba umntu oxhasa imfazwe ubonisa uthando uYesu awathi baza kubonakala ngalo abafundi okanye abalandeli bakhe?

 Ukuba ufuna ukwazi ngakumbi, funda inqaku elithi, “Ngaba Imfazwe Iyahambisana NobuKristu?

AmaKristu nemfazwe namhlanje

 Ngaba iyavakala into yokulindela ukuba amaKristu angabi nento yokwenza nemfazwe namhlanje? Ewe, iyavakala. IBhayibhile yachaza kwangaphambi ukuba ngemihla yethu ebizwa ngokuba, ‘yimihla yokugqibela,’ kwakuza kubakho abantu beentlanga ‘abangazukuphinda bafunde ukulwa,’ ngokuvumelana neemfundiso zikaYesu.—Isaya 2:2, 4, umbhalo osemazantsi.

 Kungekudala uYehova, a “uThixo woxolo,” uza kusebenzisa urhulumente wakhe wasezulwini ukuze asindise abantu “kwingcinezelo nobundlobongela.”—Filipi 4:9; INdumiso 72:14.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.