Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Comstock Images/Stockbyte via Getty Images

IPHULO ELIKHETHEKILEYO

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngabantu Beepolitiki Abanganyanisekanga?

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngabantu Beepolitiki Abanganyanisekanga?

 Abantu bafuna iinkokheli zorhulumente abanokuzithemba, kuba badiniwe kukunyamezela abezepolitiki abanganyanisekanga. Uphando oluye lwenziwa emhlabeni ngo-2023 luye lwabonisa ukuba elona qela lingathenjwanga kakhulu ngabantu abaninzi ngabezepolitiki. a

 IBhayibhile ithetha ngorhulumente oneNkokheli enokuthenjwa, enenyani, nengasoze yenze izinto ezimbi. Lo rhulumente sithetha ngaye buBukumkani bukaThixo ibe iNkokheli yabo nguYesu Kristu.—Isaya 9:7.

 Izinto uYesu awayezenza zibonisa ukuba ubakhathalele nyhani abantu. (Mateyu 9:35, 36) NjengoKumkani woBukumkani bukaThixo, uza kuzisa uxolo nobulungisa kubo bonke abantu abavumayo ukulawulwa nguye.—INdumiso 72:12-14.

a Ingxelo ka-2023 Edelman Trust Barometer Global Report.