Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Chris McGrath/Getty Images

IPHULO ELIKHETHEKILEYO

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngeemfazwe?

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngeemfazwe?

 Emhlabeni wonke, iimfazwe zenza abantu babe sezintlungwini ibe ziyamosha. Khawuve ezi ngxelo:

  •   “Kulo nyaka uphelileyo, e-Ethiopia naseUkraine kuye kwasweleka abantu abaninzi ngenxa yemfazwe. Zange kwabanje ukususela ngo-1994.”—IPeace Research Institute Oslo, ngoJuni 7, 2023.

  •   “Imfazwe yaseUkraine iye yambi kakhulu ngo-2022. Emhlabeni wonke, imilo yezepolitiki iye yamininzi kulo nyaka uphelileyo, ibe abantu abamalunga ne-1.7 bhiliyoni baye baneengxaki ngenxa yayo.”— IThe Armed Conflict Location & Event Data Project, ngoFebruwari 8, 2023.

 IBhayibhile isinika ithemba. Ithi “uThixo wezulu uza kumisa ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe.” (Daniyeli 2:44) Xa kulawula obo Bukumkani okanye lo rhulumente, uThixo uza kuphelisa “iimfazwe emhlabeni wonke.”—INdumiso 46:9.