Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kim Steele/The Image Bank via Getty Images

IPHULO ELIKHETHEKILEYO

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngeengxaki Zemali?

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngeengxaki Zemali?

 Emhlabeni wonke, kuya kusiba nzima kakhulu kubantu abaninzi ukwenza imali eyaneleyo yokuziphilisa.

  •   Enye ingxelo a yasemhlabeni wonke esandokuphuma ibonisa ukuba, “ebantwini kuya kusiba nzima ukubhatala izinto ngemali abayifumanayo qho ngenyanga.” Ithi ukuba akukho nto itshintshayo, kuza “kubakho umahluko omkhulu phakathi kwabantu abazizityebi nabasokolayo” ibe “kwaneentsapho ezikwaziyo ukuziphilisa ngoku” kuza kuba nzima kuzo.

 Ngaba oorhulumente baza kukwazi ukuzilungisa ezi ngxaki zemali?

 IBhayibhile isichazela ngorhulumente oza kuzilungisa zonke iingxaki zemali, aphelise nokungafani kwendlela abantu abaphila ngayo. Ithi “uThixo wezulu uza kumisa ubukumkani,” obungurhulumente oza kulawula umhlaba wonke. (Daniyeli 2:44) Xa kulawula loo rhulumente, akukho mntu uza kuziva elityelwe okanye engahoywanga. (INdumiso 9:18) UBukumkani bukaThixo buza kuqinisekisa ukuba, abantu banezinto abazidingayo ukuze bahlale bonwabile. Wonke umntu uza kuwonwabela umsebenzi awenzileyo.—Isaya 65:21, 22.

a I-International Labour Organization Global Wage Report 2022-23