Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

TheCrimsonMonkey/E+ via Getty Images

IPHULO ELIKHETHEKILEYO

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngokumoshakala Komhlaba?

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo Ngokumoshakala Komhlaba?

 “Indlela embi ngayo imozulu ibangela iingxaki ezininzi ebantwini, kwiindawo ngeendawo nakwizinto eziphilayo. Ukutshintsha kwemozulu kwenza iintlekele zibe namandla kakhulu, zize zimoshe amakhaya abantu, nendlela abaziphilisa ngayo emhlabeni wonke. Elwandle kuya kusiba shushu ngendleela eyingozi ibe izinto eziphila emanzini zisengozini yokuba zingafa.”—UInger Andersen, ophantsi konobhala-jikelele weZizwe Ezimanyene nongumphathi we-UN Environment Programme, ngoJulayi 25, 2023.

 Ngaba oorhulumente bangakwazi ukusebenzisana ukuze balungise oku kumoshakala komhlaba? Ngaba bangakwazi ukuwulungisa ngokupheleleyo?

 IBhayibhile ithetha ngorhulumente oza kuzilungisa zonke iingxaki zomhlaba. Ithi “uThixo wezulu uza kumisa ubukumkani,” urhulumente oza kulawula emhlabeni aze aphelise zonke iingxaki. (Daniyeli 2:44) Xa kulawula lo rhulumente, abantu ‘abazukwenzakalisana’ okanye bamoshe umhlaba.—Isaya 11:9.