Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Anna Moneymaker/Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Oososayensi Batshintsha Ixesha Kwiwotshi Ekuthiwa YiDoomsday Clock—Ithini IBhayibhile?

Oososayensi Batshintsha Ixesha Kwiwotshi Ekuthiwa YiDoomsday Clock—Ithini IBhayibhile?

 Nge-24 kaJanuwari 2023, oososayensi batshintshe ixesha kwiwotshi ekuthiwa yiDoomsday Clock, a balisondeza ku-12 ezinzulwini zobusuku. Benza loo nto ukuze babonise ukuba sele sisondele isiphelo sehlabathi.

  •   “Iwotshi ekuthiwa ‘yiDoomsday Clock’ ebonisa indlela abantu abasengozini ngayo isondezwe ku-12 wasebusuku ngoLwesibini. Zange lasondezwa kangaka ixesha layo ku-12. Le nto yenzeke ngenxa yemfazwe yaseUkraine esaqhubekayo, iingxaki zemozulu nento yokuba kusenokubakho imfazwe yenyukliya.”—I-AFP International Text Wire.

  •   “NgoLwesibini, oososayensi bachaze ukuba iwotshi ekuthiwa ‘yiDoomsday Clock’ iye yatshintshwa ixesha kwashiyeka imizuzwana eyi-90 ngaphambi kokuba kubethe u-12 ebusuku. Zange abantu basondela kangaka ekutshatyalelisweni yiArmagedon.”—IABC News.

  •   “Oososayensi bakumazwe ngamazwe bathi kungekudala abantu baza kuba sengozini yokutshabalala kakhulu ngoku kunakuqala.”—IThe Guardian.

 Ngaba umhlaba wethu nabantu sele beza kutshatyalaliswa? Ngaba simele sizoyike izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo? Ithini iBhayibhile?

Izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo

 IBhayibhile ithi, “umhlaba uhlala ukho ngonaphakade” ibe abantu baza “kuhlala kuwo ngonaphakade.” (INtshumayeli 1:4; INdumiso 37:29) Ngoko abantu abanakukwazi ukuwutshabalalisa umhlaba okanye benze kungabikho nto ikwaziyo ukuphila kuwo.

 Kodwa ke, iBhayibhile iyathetha ngesiphelo. Ngokomzekelo, ithi “ihlabathi liyadlula.”—1 Yohane 2:17.

Hlala unethemba

 IBhayibhile ingasinceda sihlale sinethemba nangona kukho iingxaki ezininzi emhlabeni. Njani?

 Ukuze zikuncede izinto eziseBhayibhileni, siyakumema ukuba ufunde nathi iBhayibhile. Awuzukubhatala.

a “Iwotshi ekuthiwa yiDoomsday Clock yenzelwa ukuze ilumkise abantu ngendlela esisondele ngayo ekumosheni umhlaba de uphele, ngenxa yeeteknoloji ezisetyenziswayo. Isisikhumbuzo sezinto esimele sizilungise ukuze siqhubeke sikwazi ukuphila kulo mhlaba.”—IBulletin of the Atomic Scientists.