Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Surasak Suwanmake/Moment via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ubushushu Obungaqhelekanga Emhlabeni Ngehlobo Lika-2023—Ithini IBhayibhile?

Ubushushu Obungaqhelekanga Emhlabeni Ngehlobo Lika-2023—Ithini IBhayibhile?

 Emhlabeni, abantu banyamezele ubushushu obungaqhelekanga neentlekele ezibangelwa bubo. Khawujonge ezi ngxelo zilandelayo:

  •   “Lo ibingoyena Juni ushushu kakhulu ukususela oko abantu baqalisa ukugcina iingxelo zemozulu kwiminyaka eyi-174 eyadlulayo.”—Intlangano ekuthiwa yiNational Oceanic and Atmospheric Administration, U.S. Department of Commerce, ngoJulayi 13, 2023.

  •   “Kushushu kakhulu eItaly, eSpain, eFrance, eJamani nasePoland, kangangokuba kuqikelelwa ukuba amaqondo obushushu aza konyuka de ayokufikelela ku-48°C kwisiqithi saseSicily naseSardinia. Akubonakali ngathi kwakhe kwashushu ngolu hlobo kwiingxelo zemozulu yaseYurophu.”—Intlangano ye-European Space Agency, ngoJulayi 13, 2023.

  •   “Njengokuba emhlabeni kusiya kusiba shushu, silindele ukuba kuza kubakho iimvula ezinamandla nezikhukula ezininzi.”—UStefan Uhlenbrook, ongumphathi wezinto ezidibaniselene namanzi kwiWorld Meteorological Organization, ngoJulayi 17, 2023.

 Ngaba ezi ngxelo zokonyuka kwamaqondo obushushu zikwenza ube nexhala? Khawuve into ethethwa yiBhayibhile ngale nto.

Ngaba imozulu engaqhelekanga izalisekisa isiprofeto seBhayibhile?

 Ewe. Ubushushu obusemhlabeni wonke nemozulu engaqhelekanga iyadibana nento iBhayibhile eyayithe iza kwenzeka. Ngokomzekelo, uYesu waprofeta ukuba siza kubona “izinto ezoyikekayo.” (Luka 21:11) Ukonyuka kwamaqondo obushushu kwenze abantu boyika ukuba emhlabeni akuzubakho nto ikwaziyo ukuphila.

Ngaba emhlabeni akuzubakho nto ikwaziyo ukuphila?

 Hayi. UThixo umhlaba wawudalela ukuba ube likhaya lethu ngonaphakade; akazuvumela abantu bawutshabalalise. (INdumiso 115:16; INtshumayeli 1:4) Kangangokuba uthembisa ‘ukutshabalalisa abo bonakalisa umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.

 IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uza kuwukhusela umhlaba kwiintlekele zemvelo ibe angakwazi ukuyenza loo nto.

  •   “[UThixo] uzolisa isaqhwithi somoya, aze amaza olwandle athi cwaka.” (INdumiso 107:29) UThixo unamandla okulawula indalo. Angakwazi ukulungisa iingxaki zomhlaba ezenza abantu baphile kabuhlungu ngenxa yemozulu engaqhelekanga.

  •   “Uyawukhathalela umhlaba, uwenza uchume, futhi utyebe.” (INdumiso 65:9) Ngenxa kaThixo, umhlaba uza kuba yiparadesi.

 Ukuze ufunde nezinye izinto ngesithembiso esiseBhayibhileni sokulungiswa komhlaba, funda inqaku elithi “Ngubani Oza Kulungisa Umhlaba?